





Amakhasi Olutsha

10 BONA XHOSA - October 1996
UNGCELELE LWESONDO

Luninzi ulutsha oluba neendibano zesondo kule mihla. Luncinane ulwazi lolutsha ngezithinteli-kumitha. Oko kwenza amantombazana akhulelwe aze angazi ukuba afanele athini. Kule nyanga uTyhila Ufunde uqwalasela izinto

anokuzenza.

Ukukhulelwa ungafuni




















Ukhe ulive ibali elinje? Oku kwenzeke kumantombazana amaninzi. Iminyaka yobutsha yeyokuthandana. Kwabanye ukuthandana kuthetha ukuba neendibano zesondo. Ngaba uthando luthetha iimbopheleleko, ukuhlonela nokuzibophelela ubomi bakho bonke. Ulutsha oluninzi luthi alukakulungeli oko.

Kwenzeka ntoni kumantombazana
akhulelwa engacebanga? Kuwo
uthando Luthetha iimbopheleleko zokuba ngumntu omdala. Kuyanyanzeleka ukuba athethe nabazali bawo,
aphume esikolweni ,
afune umsebenzi yaye akhulise umntwana oxhomekeke kuyo:
Ngaba nawe
ukwingxaki
enjalo? Ngaba unabahlobo abanezi ngxaki? Makhe sijonge ezinye zezinto onokuzenza ukusombulula ezi ngxaki. Kufuneka ukhumbule ukuba nguwe oya kwenza isigqibo sokugqibela asizukwenziwa ngabazali okanye abahlobo bakho!

Ukumelana nokukhulelwa ungacebanga.
Iyoyikisa into yokufumana ukuba ukhulelwe elutsheni. Ngaba baza kuthini abazali bakho? Ngaba umfana oncuma naye uza kukondla nomntwana wakho? Kuza kwenzeka ntoni esikolweni nakwiminqweno yakho yokuba ligqwetha?
Amanye amantombazana azama ukuyifihla kangangoko into yokuba akhulelwe. Yeyona ndlela amelana ngayo leyo nengxaki yawo. Ngelishwa le ngxaki ayipheli koko iyaziveza. Kubhetele ukukhawuleza ufumane isisombululo sayo. Makhe sijonge izisombululo.









abakwaMondi Paper bavuyisana neBona ngokonwabisa abafundi iminyaka engama-40



Amakhasi Olutsha
UNGCELELE. LWESONDO


Mgcine umntwana
Uninzi lukhetha ukubagcina abantwana. Kufuneka uqiniseke ukuba uza kuba nayo imali nenkxaso kusapho lwakowenu, kubahlobo okanye kumfana oncuma naye. Thetha nabo ngalo mbandela-unokumangaliswa yindlela abakunceda ngayo. Xa umfana oncuma naye ephika ukuba unguyise womntwana, unokuvavanywa ukuze kufumaneke inyaniso. Oko kudla ngokwenziwa emva kweenyanga ezintandathu umntwana ezelwe. Buza iklinikhi okanye ugqirha ukuba lunokwenziwa phi uvavanyo. Ukulwa nokufumana imali yesondlo kunzima kunokuba kubonakala. Xa ufuna ukuxhaswa ngemali ufanele uyifune imali yesondlo kuyise womntwana. Kufuneka ummangalele enkundleni xa engafuni ukuyihlawula imali yesondlo. Cela abazali bakho okanye ititshala ikuncede ekwenzeni oko.

Ukukhulisa umntwana ongengowakho
Ambalwa amabhinqa acinga ngokuthatha abantwana babanye abantu abakhulise. Kodwa xa unomntwana ube uqonda ukuba wena, usapho lwakowenu nomfana oncuma naye akanako ukukhathalela umntwana, zimbalwa izinto onokukhetha kuzo. Ukukhuliswa komntwana lolunye usapho kuthetha ukuba umnika usapho olufuna umntwana kodwa lungabafumani. Ukunika umntwana wakho akhuliswe lolunye usapho akuthethi kuthi awumfuni umntwana.
Ukuba umkhathalele umntwana wakho yaye uyaqonda ukuba akunako ukumkhulisa, kungani ungathethi nomongikazi waseklinikhi ngokuqhomfa.
















Ukuqhomfa ngumba ocekeceke gqitha
kweli lizwe. Zithini izimvo zakho ngako? Sibhalele usixelele.
Ukuqhomfa
Uyakhathazeka xa ukhulelwe ungathandi ukukhulelwa. Abanye bade bazame ukuziqhomfa ngokwabo izisu abazikhulelweyo. Bahlambe ngamanzi ashushu, basele izinto zokucoca endlwini, okanye basebenzise iinaliti zokumitha kodwa bangakwazi ukuqhomfa izisu yaye oko kuyingozi.
Amabhinqa amaninzi azama ukuziqhomfela ekhaya izisu. Ukuqhomfa isisu ekhaya kuyingozi gqitha kuba okunye kwenziwa kwiindawo ezingacocekanga.


Ukukhulisa
umntwana
ongengowakho.
yenye indlela yokunika umntwana ingomso
eliqaqambileyo.











Amakhasi Olutsha
UNGCELELE LWESONDO
Kubhale uUna Seery . kwafota uSally Giles , uMark Johnstone kanti ezinye zifunyenwe kwaNatal Newspapers .













Kuxa kutheni apho usiqhomfa ngokusemthethweni isisu? Umthetho waseMzantsi-Afrika uthi amabhinqa anokuqhomfa phantsi kwezi meko:
Xa ukukhulelwa kunokufibulala.
Xa ukhulelwe ngendla yokusetyenziswa kakubi ngesondo, ngenxa yokuba nendibano yesondo kwamalungu osapho olunye.
Xa umntwana osakhulelweyo enesiphene. Kule mihla kukho izito ugqirha azibona umntwana engekazalwa.
Xa lineminyaka eli-16 nangaphantsi. Xa ukukhulelwa kuza kuphazamisa imeko
yengqondo yakho.
Umthetho Omtsha
Kodwa ngoku umthetho uyaguquka. Kutshanje urhulumente ugqibe ekubeni umtetho ulivumele ibhinqa liqhomfe xa lifuna. Phofu ke lo mthetho useza kuphunyezwa yiPalamente .
Ngaba uthini lo mthetho uqulunqwayo? Yintoni ukuzifunela ukuqhomfa? Makhe siwuqwalasele.
Amabhinqa afuna ukuqhomfa aya kuvunyelwa de afikelele kwiiveki ezili-14 (iinyanga ezi-3)

Ukuthintela ukumitha yeyona ibhetele xa ungafuni ukukhulelwa kukuthintela. Ungcelele lwethu ngesondo olwaphuma kushicilelo lukaFebruwari lukaTyhila Ufunde lwaluthetha ngeendlela ezahlukeneyo zokuthintela. Cela icebiso kumongikazi waseklinikhi ungaphulaphuli izinto ezitshiwo ngabahlobo bakho.

Ukuba ube nendibano yesondo ungasebenzi izithinteli-kumitha, yiya kwagqirha okanye eklinikhi zingaphelanga iiyure ezingama-72. Baya kukunika ipilisi eya kukuthintela ungakhulelwa. Phofu olu asikuphela kwendlela yokuthintela ukumitha yeyokusetyenziswa ngamaxesha kaxakeka kuphela.
ekhulelwe. Xa sekugqithe ngaphezu kweenyanga ezintathu de kufikelele kwiiveki ezingama-24, liya kuqhomfa phantsi kweemeko ezithile.
Amantombazana aneminyaka engaphantsi kwe-18 akuzubakho mfuneko yokuba avunyelwe ngabazali bawo ukuqhomfa. Asenokuqhomfa bengazi abazali bawo. Namabhinqa akukho mfuneko
yokuba acele emadodeni awo ukuqhomfa.
Ucinga ntoni wena ngalo mthetho? Ziyabetha-bethana iimbono zabantu. Abanye abantu bathi umntwana unelungelo lokuphila ukususela kwimini othathe ngayo. Abanye bathi yonke iminyaka amabhinqa abulawa kukuzama ukuqhomfa izisu nokuthi amabhinqa afanele azikhethele akufunayo ngobomi bawo.
Ufuna upasiswe wena lo mthetho? Ucinga ukuba uza kunceda ulutsha olukhulelwayo? Zibandakanye kwiimpikiswano ufunde nokutshiwo ngalo mthetho.

Phofu ke ukhumbule ukuba xa sewukhulelwe yaye ungazi ukuba mawuthini, thetha nomnye umntu. Xa ungenako ukuthetha nosapho lwakowenu okanye umhlobo wakho, isenokuba ngunontlalo-ntle okanye umongikazi. Akunako ukuyisombulula uwedwa le ngxaki.













Bangaphi abazitisthala okanye abacinga
ngokuba ziitisthala kuni bafundi? Ulutsha
oluninzi luthetha ngokunqwenela kwalo ukuba
ziitisthala . Kule nyanga uTyhila Ufunde
uqwalasela ukuba yitisthala yesikolo sabantwana abaselula kakhulu kuse
kwesamabanga aphakathi  yaye ukucebisa ngezifundo nangobudala babantwana oza
kubafundisa!
Amakhasi Olutsha
IMSEBENZI
























Wonk'umntu makafunde




ukangaphi usiva ngombhodano okwimfundo nokuba kukho iititshala ezininzi gqitha eMzantsi-Afrika? Kukhangeleka ngathi oko
akunityhafisanga ekunqweneleni ukuba ziitisthala . Kule mihla luninzi ulutsha oluya kwiiyunivesithi neekholeji luyofundela ukuba ziitisthala .

Kule nyanga uTyhila Ufunde uqwalasela imisebenzi eyahlukeneyo oyenzayo xa uyititshala  ukususela ekufundiseni abantwana abaselula kakhulu kuse kwasebekhulile. Siqwalasela nesizathu sokuba abantu banqwenele ukuba ziitisthala nokuthi bathanda ntoni kulo msebenzi.

Ukufundisa abantwana abaselula kakhulu
Bekukade kuyinto enganikwanga ngqalelo ukufundiswa kwabantwana abaselula kakhulu. Kodwa oko kutshintshile kule minyaka. Bayanda
abantu abakuqondayo ukubaluleka ngokufundiswa kwabantwana beselula.

ititshala yabantwana abaselula ibanceda ukubanika ulwazi oluya kubanceda xa sebengena kwisikolo sabantwana abadala. Ukufundisa abantwana abaselula kumnandi kodwa kunzima yaye kuyadinisa.

Abantwana bahlala iiyure ezimbalwa esikolweni badla ngokufunda iiyure ezine. Phofu ke kufuneka kufuneka ukhumbule ukuba abantwana bangumsebenzi. Kufuneka uzinikele emsebenzini wakho. Xa ubonakalisa ukudinwa okanye ungonwabanga baqalisa ukungavani nawe.

Ukufundiswa kwabantwana abaselula akupheleli esikolweni kuphela. Kufuneka ititshala yabo izilungiselele imini elandelayo yakufika ekhaya oko kuquka ukucinga izinto ezintsha oza kubafundisa zona eziya kubonwabisa abantwana.



	abakwaMondi Paper bena imfundo ifumaneke kumntu wonke

		BONA XHOSA - October 1996 11

12 BONA XHOSA - October 1996

	Esi sihlomelo sibhalwe kwiphepha esiliphiwe ngabakwaMondi Paper

	abakwaMondi Paper bavuyisana neBona ngempumelelo yeminyaka engama-40

